The meeting will be held Virtually and community members can get live update of proceedings on the Buffalo City Metropolitan Municipality website.
------------------------------------------------------------------------------------------------------------
UMASIPALA OMBAXA WEBUFFALO CITY
Kunikwa isaziso ngokweCandelo 29(1) loMthetho woRhulumente wasekhaya woKwakhiwa koMasipala uNombolo 117 ka1998 ufundwa kunye neCandelo 19(b) loMthetho woRhulumente waseKhaya nobume booMasipala ka2000 (uMthetho 32 ka 2000),ukuba uSomlomo weBhunga eliMbaxa leBuffalo City uCeba u C.H.M Maxegwana ugunyazise uMlawuli wesixeko ukuba abize intlanganiso ekhethekileyo yeBhunga loMasipala oMbaxa weBuffalo City ebanjwa ngobuxhakaxhaka ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeSilimela 2026 ngecala emva kwentsimbi yesibhozo (08h30) kulungiselelwa intsimbi yethoba (09h00) kuMicrosoft Teams.
Uluntu lunokufumana usasazo lwenkqubo ngexesha eyenzeka ngayo kwikhasi (website) lobuxhakaxhaka loMasipala oMbaxa weBuffalo City.